Entertainment is a form of activity that holds the attention and interest of an audience, or gives pleasure and delight. |
Ukuzonwabisa yindlela yokubamba ingqalelo nomdla wabantu yaye kuzisa uyolo nemincili. |
It can be an idea or a task, but is more likely to be one of the activities or events that have developed over thousands of years specifically for the purpose of keeping an audience's attention. |
Isenokuba luluvo okanye umsebenzi, kodwa okungakumbi ngumdlalo okanye isiganeko esiye sanenkqula imimnyaka engamawaka ngenjongo yokubamba ingqalelo yabantu. |
Although people's attention is held by different things, because individuals have different preferences in entertainment, most forms are recognizable and familiar. |
Nangona ingqalelo yabantu ithinjwa zizinto ezahlekeneyo, ngenxa yokuba abantu banokhetho olungafaniyo ekuzonwabiseni, iindlela ezininzi ziyaqapheleka yaye ziqhelekile. |
Storytelling, music, drama, dance, and different kinds of performance exist in all cultures, were supported in royal courts, developed into sophisticated forms and over time became available to all citizens. |
Ukubalisa amabali, umculo, imidlalo, ukudanisa neminye imidlalo eyahlukahlukeneyo ikhona kwizithethe zonke, yayixhaswa ziinkokheli zomthonyama , yaphuhliswa, yaphuculwa ebudeni bexesha ukuze ifumaneke kubo bonke abemi. |
The process has been accelerated in modern times by an entertainment industry which records and sells entertainment products. |
Le nkqubo iye yatyhubela lemihla yethu ngenxa yamajelo ezolonwabo aye ashicilela aze athengisa iimveliso zokuzonwabisa. |
Entertainment evolves and can be adapted to suit any scale, ranging from an individual who chooses a private entertainment from a now enormous array of pre-recorded products; to a banquet adapted for two; to any size or type of party, with appropriate music and dance; to performances intended for thousands; and even for a global audience. |
Ezolonwabo zihlala zitshintsa yaye zinokufikelela nawuphi umgangatho, ukusukela kumntu ngamnye okhetha ukuzimamelela izinto ezishicilelweyo, ukuya kwinkitha kubantu ababini okanye nawuphi na umjuxuzo onomculo ofanelekileyo nomdaniso wamawaka nakwihlabathi. |
The experience of being entertained has come to be strongly associated with amusement, so that one common understanding of the idea is fun and laughter, although many entertainments have a serious purpose. |
Imvakalelo yokonwatyiswa iye yanxulunyanisa kakhulu nemincili, ukuze iqondwe lula njengokuhleka nokuvuya, nangona ukuzonwabisa kunenjongo enamandla. |
This may be the case in the various forms of ceremony, celebration, religious festival, or satire for example. |
Oku kunokubandakanya imicimbi, imibhiyozo, amatheko onqulo, umzekelo imidlalo yeqonga |
Hence, there is the possibility that what appears as entertainment may also be a means of achieving insight or intellectual growth. |
Noko ke, kukho amathuba okuba oko kubonakala kululonwabo kunokuthetha ukufikelela ukuqonda nobulumnko obuphakamileyo |